UThixo wanika abantu, abo bonayo ezulwini
baza bagxothwa emhlabeni, isixeko sokusabela, ithuba
lokufumana uxolelo lwezono baze babuyele ebukumkanini
bamazulu ngemithetho yakhe.
Kwelinye icala, umgwebo kaThixo uya kufikela
abo bawaphuleyo umnqophiso baza bawudela.
Kuphela kungobabalo lukaThixo olunokuthi uluntu,
olumiselwe ukufa ngenxa yesono salo, lufumane
ubomi obungunaphakade.
Xa uThixo efundisa uluntu indlela yobomi
kwilixa likaYise, ilixa loNyana, nelixa loMoya
oyiNgcwele, abo beza eZiyon baze bagcine
iPasika yobomi, bekholelwa emazwini Akhe, baya
kusindiswa, kodwa abo bangawakholelwayo amazwi Akhe
baze bangawagcini baya kohlwaywa ekugqibeleni.
Kuba umvuzo wesono kukufa; ke sona
isibabalo sikaThixo bubomi obungunaphakade, kuKristu
Yesu iNkosi yethu.
KwabaseRoma 6:23
Nalu unyamezelo lwabangcwele; nabá abayigcinàyo
imithetho kaThixo nokukholwa kuYesu.
IsiTyhilelo 14:12
119 Bundang P.O.Box, Bundang-gu, Seongnam-si, Gyeonggi-do, Mzantshi Khoriya
Tsalela 031-738-5999 Fax 031-738-5998
Ndlu-Nkulu: 50, Sunae-ro, Bundang-gu, Seongnam-si, Gyeonggi-do, Khoriya
Ibandla eliyiNtloko: 35, Pangyoyeok-ro, Bundang-gu, Seongnam-si, Gyeonggi-do, Khoriya
ⓒUmbutho Womsebenzi Welizwe iBandla likaThixo. Onke amagunya agciniwe. Umthetho Wabucala