IBhayibhile iprofeta ichaza eli lixa njengexesha lentlekele
enkulu.
Njengoko kugquba iimfazwe phakathi kwezizwe
ngezizwe kunye neentlekele zemozulu ezininzi,
abantu baceba amacebo okubalekela emajukujukwini,
enzulwini yolwandle, okanye ngaphantsi komhlaba.
Nangona kunjalo, iBhayibhile ithi akukho ndawo
yokusabela yosindiso ngaphandle kweZiyon, apho
uThixo uMama ahlala khona.
Kanye njengokuba uThixo watyhila waza watolika
iphupha likaKumkani uNebhukadenetsare kuDaniyeli,
namhlanje uye watyhila ukuba eyona ndawo
ikhuselekileyo yokusabela phakathi kweentlekele
nguThixo uMama.
Kanye njengokuba abantwana beziva bekhuselekile
kwiingalo zikanina ngamaxesha engozi, uThixo
uye watyhila ukuba uThixo uMama uyeyona ndawo
ikhuselekileyo eluntwini kwiintlekele.
Ndiya kususa ndiyisuse into yonke ehlabathini;
utsho uYehova.
Ndiya kususa abantu neenkomo; ndiya kususa
iintaka zezulu, neentlanzi zolwandle; nezikhubekiso
kunye nabangendawo; ndibanqamle abantu emhlabeni;
utsho uYehova. . . .
Zefaniya 1:2–3
Ukuba ke umkhonzi lowa ukhohlakeleyo uthe
entliziyweni yakhe, Inkosi yam ilibele, ayizi,
aqale ababethe abakhonza kunye naye, adle ke,
asele nabanxilayo,
iya kufika inkosi yaloo mkhonzi ngemini angayikhangeleyo,
nangelixa angalaziyo,
imsike kubini, immisele isabelo sakhe nabahanahanisi;
khona apho kuya kubakho ukulila nokutshixiza
kwamazinyo.
Mateyu 24:48–51
119 Bundang P.O.Box, Bundang-gu, Seongnam-si, Gyeonggi-do, Mzantshi Khoriya
Tsalela 031-738-5999 Fax 031-738-5998
Ndlu-Nkulu: 50, Sunae-ro, Bundang-gu, Seongnam-si, Gyeonggi-do, Khoriya
Ibandla eliyiNtloko: 35, Pangyoyeok-ro, Bundang-gu, Seongnam-si, Gyeonggi-do, Khoriya
ⓒUmbutho Womsebenzi Welizwe iBandla likaThixo. Onke amagunya agciniwe. Umthetho Wabucala