Isihogo yindawo eyoyikeka kakhulu apho
kunzima nokuba ufumane ithontsi lamanzi
ngelixa usentlungwini yomlilo.
(Luka 16:24 )
UYesu wathi ukuba isandla sethu, unyawo,
okanye iliso lethu liyasibangela ukuba senze
isono, kulunge ngakumbi ukusinqumla
okanye ukulinyothula kunokuba siye
esihogweni.”
(Marko 9:43 )
Kungenxa yokuba intuthumbo esihogweni
ayinakufaniswa nentlungu yokunqunyulwa
kwelungu elithile lomzimba wethu.
Apho kumpethu kungafiyo, nomlilo
ungacimiyo esihogweni. (Marko 9:48 )
Kuba bonke baya kugalelwa ityuwa
ngomlilo, athi onke amadini agalelwe
ityuwa ngetyuwa. (Marko 9:49 )
Nangona isohlwayo sesihogo sibuhlungu
kakhulu, asinakufa ngokwethu.
Esihogweni, akukho mzuzu wolonwabo
lobomi,akukho mzuzu wokuphumla,
kwaye akukhothemba losindiso konke konke,
kodwakukho intlungu enkulu kuphela,
ukuzisola kunye nosizi.
Kutheni le nto sisiya esihogweni ukuba asiguquki
emva kokuva ivangeli?
Ngaphambi kokuba sizalwe kulo mhlaba,
sasiziingelosi ezulwini.
(Yobhi 38:4-21 )
Kodwa ke, sona ezulwini saza safumana
isigwebo sokuya esihogweni.
Ngoko sazalelwa emhlabeni, intolongo yomoya,
kwaye sihlala apha okwethutyana.
(Hezekile 28:13-17 )
Ukuba asiyifuni indlela yokuphepha isohlwayo
sesihogo kulo mhlaba, simiselwe ukuya
esihogweni.
“Hayi usizana endilulo!
Ngubani na oya kundihlangula kulo mzimba usisisulu sokufa?
(KwabaseRoma 7:24 XHO96)
UThixo wavelana noluntu olwalumiselwe
ukufumana isohlwayo sesihogo, waza Yena
ngokwakhe weza kulo mhlaba ukubonisa
indlela yokuphepha isohlwayo sesihogo.
Ndize kubiza aboni ukuba baguquke.
(Luka 5:32 )
Ukuze asixolele izono zethu ezisingisa ekufeni
aze asisindise kwisohlwayo sesihogo,
uThixo wanikela ngenyama negazi lakhe
njengentlawulelo yoluntu, aboni.
“ ‘Thabathani nidle; isonka sepasika ngumzimba wam.’ ”
(Mateyu 26:26 )
Iwayini yepasika ligazi lam lomnqophiso,
eliphalala ngenxa yabaninzi, ukuze kuxolelwe
izono. ” (Mateyu 26:28 )
Xa sigcina umnqophiso omtsha wePasika,
sisikelelwa ngoxolelo lwezono kwaye
siyasindiswa kwisohlwayo sesihogo.
Kwaye kananjalo, singafumana ubomi
obungunaphakade kwaye sibuyele ezulwini.
Lowo uyidlayo eyam inyama, alisele elam
igazi, unobomi obungunaphakade; ndaye
mna ndiya kumvusa ngomhla wokugqibela.
(Yohane 6:54 )
Noko ke, ukuba siyawugatya umyalezo othi,
“Yamkelani uxolelo lwezono nobomi
obungunaphakade ngepasika;
izono esizenzileyo ezulwini azinakuxolelwa,
kwaye siya kufumana isohlwayo sesihogo
njengoko simiselwe.
Asikuko nokuba ndinqwenile ukuyidla nani le
Pasika, ndingekabuva ubunzima.
(Luka 22:15 )
Nceda ugcine umnqophiso omtsha wePasika,
umqondiso kaThixo woxolelo lwezono,
kwaye ubuyele ezulwini!
119 Bundang P.O.Box, Bundang-gu, Seongnam-si, Gyeonggi-do, Mzantshi Khoriya
Tsalela 031-738-5999 Fax 031-738-5998
Ndlu-Nkulu: 50, Sunae-ro, Bundang-gu, Seongnam-si, Gyeonggi-do, Khoriya
Ibandla eliyiNtloko: 35, Pangyoyeok-ro, Bundang-gu, Seongnam-si, Gyeonggi-do, Khoriya
ⓒUmbutho Womsebenzi Welizwe iBandla likaThixo. Onke amagunya agciniwe. Umthetho Wabucala