Abo balithabatha njengentlekisa ilizwi likaThixo baza abasaba batshatyalaliswa ngexa uThixo wagweba umhlaba ngomkhukula ngemihla kaNowa nangomlilo ngemihla yeSodom neGomora.
Ngokufanayo, abantu abangazange balikholelwe ilizwi likaYesu elithi, “Xa nithe nayibona iYerusalem irhawulwe yimikhosi, balekani,” kodwa boyiswa yimvakalelo yoloyiso bonke batshatyalaliswa kuhlaselo lwesibini lomkhosi wamaRoma.
Ihlabathi liwugqala umgwebo kaThixo wokugqibela womlilo njengeqhula.
Kodwa ke, uThixo ulindele uluntu kuba ufuna bonke abantu basindiswe ukuze kungabikho namnye oya kutshatyalaliswa.
Ngoko ke, amalungu eBandla likaThixo angqina ngamandla ehlabathini iindaba zosindiso ngokwentando kaThixo.
[U]kuba kuya kuza ngemihla yokugqibela abagxeki, behamba ngokwezabo iinkanuko, besithi,
Liphi na kaloku idinga lokufika kwakhe?
. . . eliya kuthi ngenxa yayo izulu lifakwe isikhuni, lichithakale, zithi neziqalelo zitshe zinyibilike?
Thina ke ngokwedinga lakhe silinde elitsha izulu, nomtsha umhlaba, apho kumi ubulungisa.
2 KaPetros 3:3–13
119 Bundang P.O.Box, Bundang-gu, Seongnam-si, Gyeonggi-do, Mzantshi Khoriya
Tsalela 031-738-5999 Fax 031-738-5998
Ndlu-Nkulu: 50, Sunae-ro, Bundang-gu, Seongnam-si, Gyeonggi-do, Khoriya
Ibandla eliyiNtloko: 35, Pangyoyeok-ro, Bundang-gu, Seongnam-si, Gyeonggi-do, Khoriya
ⓒUmbutho Womsebenzi Welizwe iBandla likaThixo. Onke amagunya agciniwe. Umthetho Wabucala