Zonke izidalwa zifumana ubomi ngomama bazo.
Kungakhathaliseki ukuba isidalwa sincinane kangakanani na, umama unothando olunyanisekileyo lukamama olumenza ancame ubomi bakhe encamela amantshontsho akhe.
Kwakutheni ukuze uThixo adale zonke izinto ukuze zifumane ubomi ngoomama bazo?
Yaye kutheni oomama, kwanoomama bezidalwa ezingabalulekanga, bonke benalo uthando lukamama?
UThixo, owadala zonke izinto ngokuthanda Kwakhe, wasityhilela indlela yokufumana ubomi obungunaphakade, ngomgaqo wokuzalwa kulo mhlaba nangesimilo esibekekileyo sikaThixo uMama.
Zonke izinto eziphilayo zinokuphila nje ixesha elide ngokulingana nobude bexesha ezilufumene koomama bazo.
Ngoko ke, sinokufumana ubomi obungunaphakade ngoMama wethu wokomoya.
Kungenxa yokuba nguThixo uMama kuphela onobomi obungunaphakade, onako okusinika ubomi obungunaphakade.
Kweli lixa, kufuneka sibe ngabantwana bakaThixo uMama ukuze sifumane ubomi obungunaphakade.
Yizani kwiBandla likaThixo elikholelwa kuThixo uMama!
119 Bundang P.O.Box, Bundang-gu, Seongnam-si, Gyeonggi-do, Mzantshi Khoriya
Tsalela 031-738-5999 Fax 031-738-5998
Ndlu-Nkulu: 50, Sunae-ro, Bundang-gu, Seongnam-si, Gyeonggi-do, Khoriya
Ibandla eliyiNtloko: 35, Pangyoyeok-ro, Bundang-gu, Seongnam-si, Gyeonggi-do, Khoriya
ⓒUmbutho Womsebenzi Welizwe iBandla likaThixo. Onke amagunya agciniwe. Umthetho Wabucala