UThixo, uMsindisi woluntu, usinike iintsikelelo zoxolelo
lwezono kunye nobukumkani bamazulu obungunaphakade ngePasika
waza wavakalisa ngamandla ukuba abo bagcina
iPasika baya kuvunywa njengabantu bakaThixo abaya
kufumana ubume basezulwini baze bazuze usindiso.
UYesu oweza kwiminyaka engama-2,000 eyadlulayo kunye
noKristu Ahnsahnghong noThixo uMama kwesi sizukulwana
bahlala besifundisa ukuba ukubiza uThixo kuphela
ngemilebe yethu ngaphandle kokugcina iPasika
kulukholo olungacacanga.
Kwakhona, isizathu sokuba uThixo enze iPasika
yesiBini kwabo bangazange bakwazi ukuyigcina ngexesha
elimisiweyo kungenxa yokuba iPasika sisidlo esibaluleke
gqitha esahlula abantu bakaThixo bokwenyaniso.
[N]genyanga yokuqala, esithi, Oonyana bakaSirayeli
mabayenze ipasika• ngexesha layo elimisiweyo. . . .
Ke kwakukho amadoda awayethe azenza iinqambi
ngomntu ofileyo, akaba nako ukuyenza ipasika
ngaloo mhla. . . .
Wathetha uYehova kuMoses, esithi,
. . . nokuba ngowezizukulwana zenu, woyenza ipasika kuYehova.
Boyenza ngenyanga yesibini, ngomhla weshumi
elinesiné, lakutshona ilanga, . . .
Ke umntu lowo . . .
ethe wayeka ukuyenza ipasika, loo mphefumlo
wonqanyulwa, ungabikho ebantwini bakowawo; . . .
INumeri 9:2–13
Ngoko ke nobaqonda ngeziqhamo zabo.
Asingabo bonke abathi kum, Nkosi, Nkosi,
abaya kungena ebukumkanini bamazulu; ngokwenzayo
ukuthanda kukaBawo osemazulwini.
Mateyu 7:20–21
119 Bundang P.O.Box, Bundang-gu, Seongnam-si, Gyeonggi-do, Mzantshi Khoriya
Tsalela 031-738-5999 Fax 031-738-5998
Ndlu-Nkulu: 50, Sunae-ro, Bundang-gu, Seongnam-si, Gyeonggi-do, Khoriya
Ibandla eliyiNtloko: 35, Pangyoyeok-ro, Bundang-gu, Seongnam-si, Gyeonggi-do, Khoriya
ⓒUmbutho Womsebenzi Welizwe iBandla likaThixo. Onke amagunya agciniwe. Umthetho Wabucala