Ukuba sihlwayela okulungileyo, ngokuqinisekileyo siya kuvuna
imiphumo emihle, yaye ukuba sihlwayela ububi,
siya kuvuna imiphumo emibi.
Simele sikhumbule imbali apho amaSirayeli, awakhalaza
entlango iminyaka engamashumi amane, atshatyalaliswayo, kwaye
uDavide oselula, uShadraki, uMeshaki, noAbhednego bamsikelela
kakhulu uThixo ngokunikela uvuyo ngamazwi abo
okholo azaliswe lubabalo.
Ngokuvumelana neemfundiso zikaKristu Ahnsahnghong noThixo uMama,
amalungu eBandla likaThixo asoloko ethuthuzela kwaye
exhasa ngezenzo ezilungileyo namazwi alungileyo ekhaya,
eCaweni nasentlalweni.
Namhlanje, bahambela phambili ngamandla ukuze babelane
ngeendaba ezivuyisayo zosindiso lukaThixo kwabo badinwe
bubomi obungumthwalo, bevakalisa oku, “Kukho ke
ubukumkani bamazulu, apho kungasekho kufa, nambandezelo,
nantlungu.”
Umntu olungileyo, ebuncwaneni obulungileyo bentliziyo yakhe,
ukhupha izinto ezilungileyo; nomntu okhohlakeleyo, ebuncwaneni
obukhohlakeleyo, ukhupha izinto ezikhohlakeleyo.
Ndithi ke kuni, Onke amazwi angewaní
abathe bawathetha abantu, baya kuphendula
ngawo ngomhla womgwebo;
kuba ngawo amazwi akho ùya kugwetyelwa,
nangawo amazwi akho ùya kugwetywa.
Mateyu 12:35–37
119 Bundang P.O.Box, Bundang-gu, Seongnam-si, Gyeonggi-do, Mzantshi Khoriya
Tsalela 031-738-5999 Fax 031-738-5998
Ndlu-Nkulu: 50, Sunae-ro, Bundang-gu, Seongnam-si, Gyeonggi-do, Khoriya
Ibandla eliyiNtloko: 35, Pangyoyeok-ro, Bundang-gu, Seongnam-si, Gyeonggi-do, Khoriya
ⓒUmbutho Womsebenzi Welizwe iBandla likaThixo. Onke amagunya agciniwe. Umthetho Wabucala