Ukuba siyakholelwa kwivangeli yomnqophiso omtsha, siwuqonda ngokuchanekileyo umthetho kaThixo, kwaye siwugcine, singafumana ubomi obungunaphakade, sibe bububingeleli basebukhosini, kwaye sibudle ilifa ubukumkani bukaThixo.
Ngaphezu koko, umthetho kaThixo uya kusikhokelela kuKristu uAhnsahnghong kunye neYerusalem Entsha uMama waseZulwini, usikhokelele elusindisweni lwanaphakade.
Abaprofeti, kuquka uIsaya, basixelela ukuba inkolelo ethi “Asiyomfuneko ukuba sigcine umthetho kaThixo” ekugqibeleni yakhokelela kwiintlekele ezininzi emhlabeni.
Abo bagcina umthetho kaThixo njengoko umiselweyo baya kufumana uvuyo, ulonwabo, noxolo, ngoxa abo bawugatyayo umthetho kaThixo baya kudibana neentlekele neziqalekiso njengesiqhamo seengcinga zabo.
Ngako oko yivani, zintlanga; wazi, wena bandla, okubahlelayo.
Yiva, hlabathi; yabona, aba bantu ndibazisela ububi, isiqhamo seengcinga zabo; ngokuba amazwi am abawabazelanga ndlebe, nomyalelo wam bawucekisile.
Yeremiya 6:18–19
[A]thi, nina babandezelwayo, anibuyekeze ngokuniphumza kunye nathi, ekutyhilekeni kweNkosi uYesu, ivela emazulwini inezithunywa zamandla ayo;
inomlilo odangazelayo, ibaphindezela abangamaziyo uThixo, nabangazilulameliyo iindaba ezilungileyo zeNkosi yethu uYesu Kristu;
2 KwabaseTesalonika 1:7–8
119 Bundang P.O.Box, Bundang-gu, Seongnam-si, Gyeonggi-do, Mzantshi Khoriya
Tsalela 031-738-5999 Fax 031-738-5998
Ndlu-Nkulu: 50, Sunae-ro, Bundang-gu, Seongnam-si, Gyeonggi-do, Khoriya
Ibandla eliyiNtloko: 35, Pangyoyeok-ro, Bundang-gu, Seongnam-si, Gyeonggi-do, Khoriya
ⓒUmbutho Womsebenzi Welizwe iBandla likaThixo. Onke amagunya agciniwe. Umthetho Wabucala