Abantu bacinga ukuba isiphelo sobomi babo kulo mhlaba sisiphelo sayo yonke into, kodwa izulu nesihogo zikho, yaye xa ubomi babo kwihlabathi elineenkalo ezintathu buphela, bonke baya kubuyela kwihlabathi labo lantlandlolo. UYesu wathwala izono zoluntu emnqamlezweni waza waseka umnqophiso omtsha ukuze athathe abantwana Bakhe abathandayo abase ezulwini, hayi esihogweni, indawo yesohlwayo.
Isihogo, njengoko kuchazwe eBhayibhileni, yindawo ezele ziintlungu. Yiyo loo nto uKristu uAhnsahnghong noThixo uMama besazise ngomnqophiso omtsha kwakhona, benika uluntu ithuba lokunandipha uzuko olungunaphakade ubukumkani bezulu.
Ke kwanjengokuba ke abantu bemiselwe ukuba bafe kube kanye, ize ke emveni koko ibe ngumgwebo: . . . KumaHebhere 9:27
UMtyholi lowo ubalahlekisayo waphoswa edikeni lomlilo nesulfure, apho likhona irhamncwa nomprofeti obuxoki; baya kuthuthunjelwa imini nobusuku, kuse emaphakadeni asemaphakadeni. . . . bagwetywa elowo ngokwemisebenzi yakhe. Kwaza ukufa nelabafileyo kwaphoswa edikeni lomlilo. Eli chibi lomlilo ke kukufa kwesibini. IsiTyhilelo 20:10–14
119 Bundang P.O.Box, Bundang-gu, Seongnam-si, Gyeonggi-do, Mzantshi Khoriya
Tsalela 031-738-5999 Fax 031-738-5998
Ndlu-Nkulu: 50, Sunae-ro, Bundang-gu, Seongnam-si, Gyeonggi-do, Khoriya
Ibandla eliyiNtloko: 35, Pangyoyeok-ro, Bundang-gu, Seongnam-si, Gyeonggi-do, Khoriya
ⓒUmbutho Womsebenzi Welizwe iBandla likaThixo. Onke amagunya agciniwe. Umthetho Wabucala