IBhayibhile nabaprofeti bayangqina ukuba isizathu sokuba uKristu eze okwesibini kukutshabalalisa ukufa, oko kukuthi, ukunika uluntu ubomi obungunaphakade, aze aluthabathele alise ebumkani bamaZulu.
Ekuphela kwendlela yokuba uluntu, olwenze isono esifanelwe kukufa ezulwini, lufumane ubomi obungunaphakade kukutya nokusela inyama negazi likaYesu ngePasika, kanye njengokuba kwakunjalo kwiminyaka engama-2 000 eyadlulayo.
Ngokwesiprofeto sikaIsaya sokuba nguThixo kuphela onokulungiselela isidlo esiginya ukufa ngonaphakade, amalungu eBandla likaThixo akholelwa kuKristu uAhnsahnghong njengoThixo aze agcine iPasika kuba nguYe owatshabalalisa ukufa ngePasika.
Lowo uyidlayo eyam inyama,
alisele elam igazi,
unobomi obungunaphakade;
ndaye mna ndiya kumvusa
ngomhla wokugqibela.
Yohane 6:54
UYehova wemikhosi
uya kuzenzela zonke izizwe
isidlo sezinto ezityebileyo kule ntaba,
isidlo sewayini egcinwe ngeentsipho, . . .
Iya kuginya ukufa kuphele, . . .
Kuya kuthiwa ngaloo mini,
Yabona, lo nguThixo wethu;
besithembele kuye, ukuba asisindise; . . .
Isaya 25:6–9
119 Bundang P.O.Box, Bundang-gu, Seongnam-si, Gyeonggi-do, Mzantshi Khoriya
Tsalela 031-738-5999 Fax 031-738-5998
Ndlu-Nkulu: 50, Sunae-ro, Bundang-gu, Seongnam-si, Gyeonggi-do, Khoriya
Ibandla eliyiNtloko: 35, Pangyoyeok-ro, Bundang-gu, Seongnam-si, Gyeonggi-do, Khoriya
ⓒUmbutho Womsebenzi Welizwe iBandla likaThixo. Onke amagunya agciniwe. Umthetho Wabucala