USathana ukhohlise abantu bakaThixo ukuba abagxothe ezulwini beze kulo mhlaba kwaye uyaqhubeka ebalahlekisa ukuze bangaze babuyele ebukumkani bezulu.
Ngenxa yoku, wayibhangisa iSabatha nePasika ukuze athintele abantu bakaThixo ekumnquleni, waza wangenisa amasiko othixo welanga njengonqulo lwangeCawe neKrismesi etempileni kaThixo.
UEliya waboyisa abaprofeti bobuxoki abangama-850 ngokunqula uThixo, yaye uYesu wamoyisa uSathana ngamazwi athi, “Uze unqule iNkosi uThixo wakho, ukhonze yona yodwa.” Kwixesha loMoya oyiNgcwele, uKrestu Ahnsahnghong noThixo uMama basifundisa ukuba ngokulandela umnqophiso omtsha, sinokukhonza uThixo yedwa ukuze sifumane uxolelo lwezono size sibuyele ubukumkani bezulu.
Ize ningenzi ngokokwenza kwelizwe laseYiputa, enibe nihleli kulo; ize ningenzi ngokokwenza kwelizwe lakwaKanan, endinisa kulo, ningahambi ngokwemimiselo yabo. Ze nenze amasiko am, nigcine imimiselo yam, nihambe ngayo. NdinguYehova, uThixo wenu. . . . namasiko am awothi umntu ozenzayo ezo nto aphile ngazo: ndinguYehova. Levitikus 18:3–5
119 Bundang P.O.Box, Bundang-gu, Seongnam-si, Gyeonggi-do, Mzantshi Khoriya
Tsalela 031-738-5999 Fax 031-738-5998
Ndlu-Nkulu: 50, Sunae-ro, Bundang-gu, Seongnam-si, Gyeonggi-do, Khoriya
Ibandla eliyiNtloko: 35, Pangyoyeok-ro, Bundang-gu, Seongnam-si, Gyeonggi-do, Khoriya
ⓒUmbutho Womsebenzi Welizwe iBandla likaThixo. Onke amagunya agciniwe. Umthetho Wabucala